Skip to content Skip to right sidebar Skip to footer

Mabaye-Bephila-Babuye-Bephila

Namhlanje iQoqo elijongene no lwaluko kwisithili sase Chris Hani luthe lathi thaca ingxelo yolwaluko lwaseHlotyeni ngokusesikweni. Ngokwa le ngxelo angaphaya kwama waka alishumi amakhwenkwe athe aya esuthwini kwi sithili sase Chris Hani.

Noxanje ulwaluko luhambe kakuhle kodwa kukho imiceli mngeni ethe yabalulwa enje ngokuba namakhankatha kunye nabakhwetha abaphulukene nobom babo ngenxa yemeko ezingahlangananga nesiko lokwaluka.

U-Somlomo weBhunga lika Masipala wase Chris Hani, Ceba Jongumzi Cengani ukhuthaza uluntu lonke lwesiko lokwaluka ukuba lusebenzise zonke iindlela zokuqinisekisa ukuba amakhankatha nabakhwetha bakhuselekile kwimimoya emdaka.

Eli Qoqo lijongene nolwaluko eChris Hani lusebenza nzima minyaka le luqinisekisa ukuba abantwana baya bephila babuye bephila esuthwini.