MabayeBephilaBabuyeBephila
Namhlanje Iqoqo elijongene nolwaluko eChris Hani lihleli intlanganiso yokukhangela ukuba bonke abamele ukudlala indima yolwaluko bakulungele ukusingatha ulwaluko lwase busika kulonyaka.
Kulentlanganiso, amasebe ka rhulumente abandakanyekayo kunye noo masipala bathe baqinisekisa ngokwenene ukuba bakulungele ukujongana nolwaluko kulonyaka, kambe bathi bafuna amakhwenkwe aye ephila abuye ephilile. Urhulumente kunye nendlu yee nkosi bathe gqolo ukucela intsebenziswano nabazali abolusa abantwana nje ngoko kuncediswana nabo.