Phambili Ngokuphuhliswa Kwabantu
“Inkomo yenqoma ayinqikwa mazinyo”. La ngamazwi ombulelo ka Mnu Zanozuko Kene ongumhloli kwisebe lezemfundo eCala. Uwenza lamzwi emvakokuba uSodolophu kaMasipala wase Chris Hani Cllr Wongama Gela, ekhokele igqiza elinikezele ngezixhobo zokuphucula izakhono kwisikolo esikhethekileyo iKhanyisa apho kufunda khona abantwana abaphila nokhubazeko. Ezizixhobo ziquka oomatshini bokuthunga kwezoshishino kwakunye nabo bonke ubuxhakaxhaka balemihla bokusebenza eSaluni. Umasipala ukwenza oku kanye ngalenyenga yokuqaphela abantu abaphila nokubazeko. Yena uSodolophu kamasipala wase Chris Hani uthethe wavala ngelithi urhulumente wase Chris Hani ngokupheleleyo unoxanduva lokuqinisekisa ukujonga ikamva labafundi baseKhanya emvakokuba bethe bafikelele kwinqanaba lokusishiya esisikolo. “Abantwana besisikolo kufuneka kuhlalwe kujongiwe ukuba benzani emvakokuba besishiyile sisikolo”.