Skip to content Skip to right sidebar Skip to footer

Imvula emandla ebikhatshwa zizivuvungu zomoya

Imvula emandla ebikhatshwa zizivuvungu zomoya izolo nge 25 March, ishiye umonakalo ongathethekiyo kwilali zase Hewu eziquka iNgojini, Dipala, Zweledinga, Muswa , kwa ward 21 and 22 e Enoch Mgijima LM
Izindlu ezibalelwa ku13 ziwile, i Preschool , Shearing shed kwakunye neepali zikaEskom zonakalisekile, nemfuyo ichaphazelekile kuba zibalelwa ku 11 igusha ezifileyo
Akukabikho ziganeko zokusweleka kwabantu ezibikiweyo okwangoku.
Amagosa ezentlekele athe bhazalala ukuhlola umonakalo achola chole inkcukucha ezibalulekileyo khona ukuze zigqithiselwe kubo bonke abathathi nxaxheba njengo Human Settlement, Agriculture, no Eskom khona ukuze kufumaneke indlela yokukhawulelana nesimo.
Amagosa entlekele asiqaphile isimo nakweminye imimandla kuba zisathe gqolo ukuna iimvula
Hlala ukhuselekile! Tsalela umnxeba ongahlawulelwayo u 0800100100 uku reporta isehlo kwindawo yakho.