Skip to content Skip to right sidebar Skip to footer

ISigqeba esijongene no lwaluko

ISigqeba esijongene no lwaluko kwi ngingqi yase Chris Hani sinikezela ingxelo yolwaluko lwasehlotyeni. Angaphaya kwe 15 000 amakhwenkwe athe asiwa esuthwini kulonyaka siphuma kuwo. Kunge lishwa ukuvakalisa ukuba sisixhenxe sabantwana abathe baphulukana no bom babo ngezizathu ezahlukeneyo, uninzi lwazo azinanto yokwenza ne siko. Abazali nalo lonke uluntu olunoxanduva lokwaluswa kwabantwana luyabongozwa ukuba luqinisekise ngokwenza konke ekufanele kukwenziwa khona ukuze abantwana baye bephila babuye bephila.